24 Wabandulula abantakwabo, bemka. Wabayala esithi: “Ze ningalwi endleleni.”
25 Banduluka eJiputa, baya kufika eKanana kuyise.
26 Bafika bathi: “UJosefu uyaphila! Nguye umphathiswa waseJiputa!” Wathi nqa yiloo nto uYakobi, engakholwa.
27 Bakumxelela konke okwathethwa nguJosefu, wazibona neenqwelo awayezithumele, watsho wahlaziyeka emphefumlweni.
28 USirayeli wathi: “Usaphila uJosefu umntwanam! Nantso nje qha into endiyifunayo: mandiye kumbona ndingekafi.”