2 UThixo wathetha naye ngephupha wathi: “Yakobi!”Wasabela uYakobi wathi: “Ndim lo!”Wenjenje uThixo ukuthetha naye:
3 “Mna ndinguThixo kayihlo. Uzungoyiki ukuya eJiputa; kulapho inzala yakho ndiya kuyenza isizwe esikhulu.
4 Ndiya kuya nawe eJiputa, ndibuye ndiyibuyisele kwalapha inzala yakho. UJosefu uya kukucima amehlo ukubhubha kwakho.”
5 Wanduluka eBheshebha uYakobi. Yena, nabantwana boonyana bakhe, kunye nabafazi babo, babekhwele kwiinqwelo ezazithunyelwe ngukumkani waseJiputa.
6 Baqhuba iinkomo zabo nako konke okwabo abakufumana eKanana, bahamba nako, baya eJiputa. UYakobi wahamba nosapho lwakhe lonke:
7 oonyana bakhe, abantwana babo, iintombi zakhe, kunye nabazukulwana bakhe.
8 Ngawo la amagama amaSirayeli, inzala kaYakobi, eyangenayo eJiputa kunye naye.