1 UJosefu ke waya kumbikela ukumkani, wathi: “Ubawo ufikile; uze nabo bonke abantakwethu, evela eKanana. Uze nako konke okwakhe, yaye nanko elinde eGoshen.”
2 UJosefu uthathe abahlanu kubakhuluwa bakhe, wabasa kukumkani.
3 Ukumkani wababuza wathi: “Msebenzi mni na eniwenzayo?”Bathe bona: “Thina zicaka zakho singamathanda-mfuyo, mhlekazi, kanye njengookhokho bethu.”
4 Baza bathi: “Imbangi yokufudukela kwethu eJiputa yimbalela eyatsho angumqwebedu amadlelo eKanana. Ngako oko izicaka zakho ziyacela ukuba uzivumele zime apha eGoshen.”