10 UYakobi ubuye wamthamsanqelisa ukumkani, waza ke wemka.
11 UJosefu ke wabakhethela indawo etyebileyo ooyise nabantakwabo phaya ngakulaa dolophu iRamesi njengokutsho kukakumkani.
12 Wabazisela ukutya uJosefu xa bebonke ngokwenani labantwana babo: uyise, abantakwabo, nayo yonke intsapho.
13 Yaligqugqisa indlala, kwaphela ukutya, bafa yindlala abantu baseJiputa naseKanana.
14-15 UJosefu wayeyiqokelela yonke imali ekwakuthengwa ngayo ingqolowa, ayise ebhotwe. Yaphela yonke imali eJiputa naseKanana. AmaJiputa ayesiya kuJosefu athi: “Siphe ukutya. Ungathini ukusiyeka sife yindlala, sibe singenayo nemali?”
16 UJosefu wayesithi: “Yizani nemfuyo yenu, nananise ngayo xa imali yenu iphelile.”
17 Babeyisa ke imfuyo yabo kuJosefu, aze yena abanike ingqolowa endaweni yamahashe, neegusha, neebokhwe, neenkomo, kunye needonki. Kuloo nyaka wabanceda ngokutya, bona besananisa ngayo yonke imfuyo yabo.