2 UJosefu uthathe abahlanu kubakhuluwa bakhe, wabasa kukumkani.
3 Ukumkani wababuza wathi: “Msebenzi mni na eniwenzayo?”Bathe bona: “Thina zicaka zakho singamathanda-mfuyo, mhlekazi, kanye njengookhokho bethu.”
4 Baza bathi: “Imbangi yokufudukela kwethu eJiputa yimbalela eyatsho angumqwebedu amadlelo eKanana. Ngako oko izicaka zakho ziyacela ukuba uzivumele zime apha eGoshen.”
5 Ukumkani ubhekise kuJosefu wathi: “Uyihlo nabantakwenu
6 beseJiputa nje, bakowabo; bangahlala apho eGoshen, eyona ndawo inomhlaba otyebileyo. Ukuba kukho amadoda angamachule phakati kwenu, uzuwenze abelusi bemihlambi yam.”
7 UJosefu ke weza noyise, wamazisa kukumkani, waza uYakobi wamthamsanqelisa ukumkani.
8 Ukumkani wabuza wathi: “Umdala kangakanani na?”