7 UJosefu ke weza noyise, wamazisa kukumkani, waza uYakobi wamthamsanqelisa ukumkani.
8 Ukumkani wabuza wathi: “Umdala kangakanani na?”
9 Uthe uYakobi: “Ubomi bam ndihamba-hamba kulo mhlaba bube yiminyaka elikhulu limashumi mathathu. Loo minyaka imbàlwa ibiyiminyaka enzima, engafaniyo neminyaka emininzi ababengabahambi ngayo kulo mhlaba ookhokho.”
10 UYakobi ubuye wamthamsanqelisa ukumkani, waza ke wemka.
11 UJosefu ke wabakhethela indawo etyebileyo ooyise nabantakwabo phaya ngakulaa dolophu iRamesi njengokutsho kukakumkani.
12 Wabazisela ukutya uJosefu xa bebonke ngokwenani labantwana babo: uyise, abantakwabo, nayo yonke intsapho.
13 Yaligqugqisa indlala, kwaphela ukutya, bafa yindlala abantu baseJiputa naseKanana.