1 Emva kwexesha uJosefu waxelelwa ukuba uyise wayengaphilanga. Uthathe oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, waya nabo kuYakobi.
2 Akuva uSirayeli ukuba unyana wakhe uJosefu wayeze kumbona, wazomeleza wavuka wahlala emandlalweni.
3 UYakobi ubalisele uJosefu wathi: “UThixo uSomandla wavela kum ndiseLuzi kwilizwe laseKanana, wandithamsanqelisa.
4 Wathi: ‘Ndiya kukupha inzala eninzi, ize loo nzala ibe zizizwe ngezizwe. Ndokunika lo mhlaba, ube lilifa lenzala yakho naphakade.’ ”