13 UJosefu wambeka uEfrayim ngasekhohlo kuyise, waza uManase yena wambeka ngasekunene.
14 Kodwa uSirayeli waziphambanisa izandla zakhe, wabeka isandla sakhe sokunene phezu koEfrayim, nakuba wayengomncinane yena; esokhohlo sona wasibeka kuManase, oyena wayengomkhulu.
15 Wandula ke uSirayeli ukumthamsanqelisa uJosefu wenjenje:“Makawathamsanqelise la makhwenkwe uThixo ka-Abraham noIsake.UThixo ondaluse kwada kwayile mini, makawathamsanqelise.
16 Ewe, osithunywa esandisindisa kuzo zonke iingozi makawathamsanqelise.Igama lam, nelika-Abraham noIsake, malihlale lihleli ngawo la makhwenkwe.Anga anganda achume ehlabathini.”
17 Wakhathazeka uJosefu akubona uyise ebeka isandla sokunene kuEfrayim. Waza wasisusa wasibeka phezu koManase.
18 Watsho esithi: “Musukwenza loo nto, bawo. Nanku omkhulu; sibeke kuye isandla sokunene.”
19 Wala uyise, esithi: “Mfo wam, ndiyayazi loo nto. Nayo inzala kaManase iya kuba sisizwe abaluleke. Kodwa ke yena umninawa wakhe uya kuba mkhulu kunaye, ize yona eyakhe inzala ibe zizizwe ngezizwe.”