1 UYakobi wabiza oonyana bakhe, wathi: “Sondelani ndinixelele ngekamva lenu:
2 “Ndingqongeni nibek' iindlebe, zinto zikaYakobi;mbekeleni iindlebe uyihlo uSirayeli.
3 “URubhen lizibulo lam;ndazibon' amandla ngaye;ubudoda bam ndabuqonda ngaye.Ngoyena unamandla;ngoyena unewonga koonyana bam bonke.
4 Kambe ke akasayi kutshatshela.Yintw' efan' igqabhuke okomsinga wamanzi,kuba yangena iqadi likayise,yasixabhel' isilili soyise.
5 “USimon noLevi ngoonyongande kuzalana;zizibhoja ezixhel' abantu ngezixhobo zazo.