14 “UIsakare akayidluli nganto imbongolo;yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.
15 Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma,nelizwe liyaphumza.Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo,intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.
16 “UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli;nguye umgwebi wabantu bakhe.
17 UDan yinyoka esecaleni lendlela;yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.
18 “*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!
19 “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.
20 “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.