7 Linelishw' iphuku labo, kuba liyankwantyisa;unelishw' umsindo wabo, kub' ukhohlakele.Bona ndobabhacisa kulo lonke elakwaYakobi,babe ziintsalu kwelakwaSirayeli.
8 “UJuda yintw' edunyiswa ngamawayo;yintw' ezithe xhakamfu ngesixhanti iintshaba zayo,intw' ekhahlelwayo ngabantakwayo.
9 UJuda ndithi yintw' enga yingonyama,yintw' echwechwel' ixhoba,ibuy' ibuthume esikhundleni sayo;buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.
10 NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula.Uya kuhlala elawula njalo,ade afike umniniwo,izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.
11 Sisinhanha esibhuqisa kungekavunwa,esindyebo ixhanyulwa naziidonki.Nguhlamba ngewayini,
12 intw' emehlo aligazi kukumfimfith' iwayini,le ntw' imazinyo amhlophe zizapholo.
13 “UZebhulon uye kuma phezu kolwandle;yintw' emanxweme azizikhululo zeenqanawa;yintw' emhlaba uye kuthi xhaxhe ngeSidon.