1 Nanga amagqabantshintshi ngoAdam. (Kaloku uThixo ukudala kwakhe abantu, wabenza bafana naye.
2 Wadala indoda nomntu obhinqileyo, wabathamsanqelisa, wathi bangabantu.)
3 Akuba nekhulu elinamashumi mathathu uAdam, wazala unyana owayefuze yena ncakasana, wathi igama lakhe nguSeti.
4 UAdam wahlala amakhulu asibhozo eminyaka emva koko. Waba nabanye oonyana neentombi.