3 Akuba nekhulu elinamashumi mathathu uAdam, wazala unyana owayefuze yena ncakasana, wathi igama lakhe nguSeti.
4 UAdam wahlala amakhulu asibhozo eminyaka emva koko. Waba nabanye oonyana neentombi.
5 Ubhubhe enamakhulu asithoba namashumi mathathu ubudala.
6 Uthe akuba nekhulu elinesihlanu uSeti, wazala unyana uEnoshe.
7 Yena uhleli amakhulu asibhozo anesixhenxe, wazala abanye abantwana.
8 Wabhubha enamakhulu asithoba aneshumi elinambini leminyaka.
9 UEnoshe yena wayenamashumi asithoba eminyaka ukuzala kwakhe unyana, uKenan.