1 Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana,
2 oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela.
3 Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.”
4 Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo.