5 Uthe ke uNdikhoyo akukuphawula ukuba ngamatshijolo kwabantu elizweni, nokuthi rhoqo kwabo ukuyila ububi,
6 weva into embi ngenxa yokuba wabadala wababeka elizweni.
7 Wathi: “Ndiza kubacima kuphele, bangabikho konke emhlabeni abantu endibadalileyo. Nditsho nkqu neenyamakazi, neentaka, kuba ndiyazisola ngento endabadalela yona.”
8 Kodwa uNowa wamkeleka kuNdikhoyo.
9 Nanga amagqabantshintshi ngoNowa. Lo Nowa wayelilunga lomfo. Kwakungekho siphene kuye phakathi kwabantu bemihla yakhe. Wayehlala enobudlelane noThixo.
10 UNowa wayenoonyana abathathu: uShem, noHam, noYafete.
11 Lonke uluntu lwalonakele phambi koThixo. Abantu babeziindlobongela zezijama-nkungwini ezigqibe lonke ilizwe.