1 Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa.
2 Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini,
3 kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni.
4 Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.”