5 UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo.
6 Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa ukufika kwezantyala-ntyala zemvula kanogumbe elizweni.
7 Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula.
8-9 Kwangena kuloo nqanawa inkunzi nemazi yazo zonke iindidi zeenyamakazi neentaka ezityiwayo nezingatyiwayo ngokomyalelo kaThixo.
10 Zagaleleka izandyondyo zemvula emva kweentsuku ezisixhenxe.
11 Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni.
12 Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo.