7 Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula.
8-9 Kwangena kuloo nqanawa inkunzi nemazi yazo zonke iindidi zeenyamakazi neentaka ezityiwayo nezingatyiwayo ngokomyalelo kaThixo.
10 Zagaleleka izandyondyo zemvula emva kweentsuku ezisixhenxe.
11 Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni.
12 Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo.
13 Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo.
14 Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka.