1 UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi.
2 Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula.
3 Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu.
4 Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati.
5 Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.
6 Emva kwamashumi amane eentsuku uNowa wavula ifestile yenqanawa,