2 Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu.
3 Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku.
4 Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi.
5 Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala.
6 Umntu wenziwa wangumfuziselo kaThixo, nabani na ke obulala omnye umntu naye uya kubulawa kwangomnye umntu.
7 “Ze nichume nande, ukuze inzala yenu ilizalise ilizwe.”
8 Uqokele wathi uThixo kuNowa nakoonyana bakhe: