24 Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo,
25 wathi:“Uqalekisiwe uKanana!Uya kuba lixhoba labantakwabo.
26 Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem.UKanana uya kuba likhoboka likaShem.
27 Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete;yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem;uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”
28 UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe,
29 wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.