1 “Ngelo thuba ke *uNdikhoyo wandiyalela wathi: ‘Qingqa amanye amacwecwe amabini amatye, afane nalawa okuqala, uwenzele ityesi ngomthi. Nyuka intaba, uze kum,
2 ukuze apho kuloo macwecwe ndibhale laa nto ndandiyibhale kulawa wawaphulayo, uze ke uwafake apho etyesini.’
3 “Ke kaloku ndayenza ityesi leyo ngomngampunzi, ndaza ndaqingqa namanye amacwecwe amabini amatye afana nalawa okuqala, ndenyuka nawo apho entabeni.
4 UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo,
5 ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.