19 Ngoko ke nani bathandeni abangeneleli, kuba nani nanikhe nangabasemzini kwelaseJiputa.
20 Mhloneleni uNdikhoyo uThixo wenu, nimkhonze, nibambelele kuye, nifunge ngegama lakhe.
21 Uyimbangi yokudumisa kwenu, unguThixo wenu; ibe ke nizibonele ngawenu amehlo izinto ezinkulu nezimangalisayo anenzela zona.
22 Ukuya kwabo eJiputa ooyihlo-mkhulu babengamashumi asixhenxe kuphela. Kodwa ke ngoku uNdikhoyo uThixo wenu unandisile natsho nayinyambalala enjengeenkwenkwezi esibhakabhakeni.”