4 UNdikhoyo wabhala ke apho kuloo macwecwe kwalaa mazwi wayewabhale kulawa okuqala, imithetho elishumi leya wayenixelele yona ngokuya wayeselangatyeni lomlilo, mhla ngembizo entabeni. UNdikhoyo ke wawabuyisela kum amacwecwe lawo,
5 ndaza ke ndehla nawo apho entabeni. Ngokomlomo kaNdikhoyo ke ndawafaka kulaa tyesi ndandiyenzile. Aselapho ke unanamhla.
6 “AmaSirayeli ke anduluka apho kuloo maqula amaYakana, ajonga eMosera. UAron wafela apho ke, waza wangcwatywa, yona indawo yakhe yobubingeleli yathathwa ngunyana wakhe uElazare.
7 Ukuphuma kwawo ke apho aya kugaleleka eGudegoda, aza agqithela eYotebhata, umhlaba owawunemisinga yamanzi.
8 Ngelo xesha ke uNdikhoyo wabahlulela abaLevi umsebenzi wokulondoloza ityesi yomnqophiso, baququzelele *esibingelelweni sikaNdikoyo, bathamsanqele egameni lakhe. Yimisebenzi leyo basayenzayo unangoku.
9 Kungenxa yeso sizathu ke indlu kaLevi ingazange inikwe mhlaba ulilifa nje, njengezinye izindlu; ilifa layo yinkonzo kaNdikhoyo ngokwesithembiso sikaNdikhoyo uThixo wenu.
10 “Nangesi ke isihlandlo, kwanjengesiya sokuqala, ndahlala apho entabeni amashumi amane eentsuku nobusuku bazo. Kwakhona ke uNdikhoyo wandiva kuba kwakungeyontando yakhe ukunitshabalalisa.