1 “Ngoko ke uze umthande uNdikhoyo uThixo wakho, ugcine isigxina sakhe, nemimiselo yakhe, nemigaqo nemiyalelo yakhe, nanini nanini.
2 Khumbula kaloku ukuba yayingengabo abantwana benu abângcamla amava engqeqesho kaNdikhoyo uThixo wenu, nditsho ubukhulu bakhe, namandla akhe, nobungangamsha bakhe,
3 nemiqondiso yakhe. Uzibonele ngokwakho izinto azenzileyo kukumkani wamaJiputa nelizwe lakhe liphela.
4 Andithi na kaloku uyibonile indlela awuvuthulule ngayo umkhosi wamaJiputa ndawonye neenqwelo zawo zamahashe, xa wawunisukelisa, waza yena wawukhukulisa kuLwandle oluBomvu, nto leyo eyabatshabalalisa nya.