15 ize nengca ibe ninzi, zihluthe iinkomo zenu; ngaloo ndlela ke nixhamle intlutha.’
16 “Kambe ke lumkani, hleze niwexuleke, ninqule *thixo bambi.
17 Xa ninokuyenza ke loo nto, uNdikhoyo angakhathazeka gqitha, atsho awavale amazulu, ingani imvula, nomhlaba ungavelisi nto, ke nina nikhawuleze nitshabalale kanye apho kwelo lizwe lihle kunene aninike lona uNdikhoyo.
18 “Ngoko ke la mazwi ndininike wona ze niwalondoloze abe sezingqondweni zenu nasemoyeni wenu. Ze niwaqhinele ezandleni abe ngumqondiso, ngokunjalo nasebunzi, khon' ukuze ahlale esisikhumbuzo.
19 Ze niwafundise abantwana benu, nincokole ngawo xa nihleli ekhaya, ngokunjalo naxa niseluhambeni; nditsho xa nilalayo naxa nivukayo.
20 Ze niwakrole emgubasini wezindlu, ngokunjalo nasemasangweni enu.
21 Xa niyenzile ke loo nto, nozinza, nina nenzala yenu, kwelo lizwe wayebathembise ngalo oyihlo-mkhulu ngesifungo uNdikhoyo uThixo wenu. Ewe, niya kuma kulo nanini nanini sisekho nje isibhakabhaka phezu kwehlabathi.