1 “Nantsi imimiselo nemigaqo ekofuneka niyithobele ngalo lonke ixesha lokudla kwenu ubomi kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu.
2 Ze nizitshabalalise ziphele tu ezo ndawo zinqulela kuzo *oothixo bazo ezaa zizwe zalaa mhlaba niya kuwohlutha; nditsho ezisezintabeni eziphakamileyo, nezisezindulini, neziphantsi kwemithi eyokozelayo.
3 Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.
4 “Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe.
5 Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.
6 Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha.
7 Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.