26 Yonke into eninikela ngayo kuThixo, nezipho enibhambathise ngazo, ziseni kuloo ndawo uNdikhoyo ayinyulileyo.
27 Nowanikela eqongeni likaNdikhoyo uThixo wenu amadini enu atshiswayo, inyama negazi. Igazi ze nilithulule apho ngaseqongeni, inyama yona niyitye.
28 Nyamekani niyithobele le miyalelo ndininika yona, ukuze nilungelwe ndawonye nezizukulwana zenu, nanini nanini, kuba kaloku noba nisenza yonke into ngokusesikweni nangendlela emkholisayo uNdikhoyo uThixo wenu.”
29 “Niyabona ke, *uNdikhoyo uThixo wenu uya kuzitshabalalisa ezi zizwe xa ningenayo emhlabeni wazo, ke nina ningene nime kuwo.
30 Akuba ezitshabalalisile ke uNdikhoyo ezi zizwe, lumkani ningangeni kumgibe wokubuzisa *ngoothixo bazo, nisithi: ‘Zibakhonza njani oothixo ezi zizwe, ukuze nathi senjenjalo?’
31 UNdikhoyo uThixo wenu ze ningamnquli ngeendlela ezibanqula ngayo oothixo bazo, kuba kaloku zona zinqula ngeendlela ezimanyumnyezi azicaphukelayo uNdikhoyo. Kaloku zona zide zitshise abantwana bazo emlilweni, zisenzela izithixo zazo amadini.
32 “Konke endiniyalela kona kwenzeni ngokwelizwi lam, ningaphambuki nakancinane ngokusuka nandise okanye niphungule.