3 Amaqonga azo ze niwadilize; ke zona iintsika zazo zamatye ze niziqhekeze zibe ziingceba. Imifanekiso yazo eqingqiweyo ka-Ashera isithixokazi sazo ze niyitshise; ngokunjalo neminye imifanekiso yazo eqingqiweyo ze niyinqunqe niyitshabalalise, acinywe amagama azo kwezo ndawo.
4 “Nina ke uNdikhoyo uThixo wenu ze ningamkhonzi ngale ndlela zinqula ngayo ezo zizwe.
5 Kumhlaba wenu uphela uNdikhoyo uya kukhetha indawo ibe nye qha apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona, zize zithi ke zonke izindlu zenu zibuzise kuye khona.
6 Apho ke niya kuwenzela khona amadini enu atshiswayo ndawonye nawaphi na amadini angamanye, nezishumi, iminikelo, nezipho enibhambathisa ngazo, ngokunjalo namazibulo eenkomo naweegusha.
7 Apha phambi koNdikhoyo uThixo wenu onithamsanqelisayo nina neentsapho zenu niya kuxhamla ubuncwane bezinto enibulaleke ngazo.
8 “Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu,
9 kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona.