8 “Ngelo xesha ke ze ningenzi njengoko niqhele ukwenza ngako. Ukuza kuthi gaa ngoku benisenza okulungileyo emehlweni enu,
9 kuba kaloku beningekangeni kwelo lizwe niliphiwa nguNdikhoyo uThixo wenu, apho niya kuphumla ngokonwaba khona.
10 Nakuthi nakuyiwela iJordan, uNdikhoyo anivumele ningene kwelo lizwe, nime kulo. Uya kunigcina nikhuselekile ezintshabeni, nihlale ngenzolo.
11 UNdikhoyo uThixo wenu uya kunyula indawo ibe nye apho liya kuzinza khona igama lakhe, ahlale khona. Zonke ke izinto endiniyalele ngazo nozisa khona: amadini atshiswayo namanye angawambi, izishumi neminikelo yemveliso yenu, ngokunjalo nezipho ezizodwa enibhambathisa ngazo kuNdikhoyo.
12 Ze nonwabe ke apho phambi kwakhe ndawonye neentsapho nezicaka zenu kunye nabaLevi enihlala nabo, kuba kaloku bona ababelwanga mhlaba ungowabo njengani.
13 Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona,
14 koko kufuneka niwenzele kuloo ndawo ayinyulileyo uNdikhoyo kumhlaba wenye yezindlu zenu. Amadini enu atshiswayo nowenzela kuloo ndawo kuphela, ngokunjalo ke nazo zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.