13 Ekumkhululeni kwakho ke, uze ungamndululi ungamnikanga nto.
14 Uze ube nezinwe, umphe kwizinto othamsanqelwe ngazo *nguNdikhoyo uThixo wakho: iigusha, ingqolowa, newayini.
15 Khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka kwelaseJiputa, waza uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula. Kungoko ndikunika lo myalelo namhlanje.
16 “Kambe ke xa ikhoboka lakho lisithi: ‘Andifuni kukhululeka ndikushiye,’ lisitsho kuba likuthanda, kuba lanelisekile nguwe nekhaya lakho,
17 uze ulithathe ulise elucangweni lwendlu yakho, uligqoboze iindlebe ngenyatyhowa. Ngolo hlobo ke loba likhoboka lakho bonke ubomi balo. Yoba seso ke nakwikhoboka elibhinqileyo.
18 Uze ungakhathazeki xa kufuneka ukhulule ikhoboka lakho; kaloku lona likusebenzele iminyaka emithandathu ngesiqingatha sexabiso obuya kulihlawula xa ubuliqeshile. Ukuba wenza ngale ndlela ke uNdikhoyo uThixo wakho uya kukuthamsanqela kuko konke okwenzayo.”
19 “Onke amazibulo angamaduna eenkomo naweegusha ayinxaxheba *kaNdikhoyo uThixo wakho; ezi nkomo uze ungazisebenzisi, ngokunjalo neegusha ungazichebi.