14 Ngelo thuba ke yonwaba ube nemihlali, wena, nabantwana bakho, nezicaka, nabaLevi, nabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi abaphakathi kwenu.
15 Menzele umsitho *uNdikhoyo uThixo wakho ngokubhiyoza iintsuku zibe sixhenxe endaweni yonqulo eyalathwe nguye. Uzuvuye wonwabe, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wakho uwuthamsanqele umsebenzi wakho watsho ngesivuno esincomekayo.
16 “Kathathu ngonyaka onke amadoda esi sizwe kufuneka aye kunqula uNdikhoyo uThixo wakho kuloo ndawo yalathwe nguye: *ngePasika, ngomsitho wolibo, nangomsitho wamaphempe. Indoda nganye kufuneka ize inento eyiphetheyo
17 ngokobungakanani bamathamsanqa ewaphiwe nguNdikhoyo uThixo wakho.”
18 “Kufuneka isizwe ngasinye simiselwe abalamli namanye amagosa kuzo zonke iidolophu zelo lizwe ulinikwa nguNdikhoyo uThixo wakho. La madoda ke kufuneka alawule abantu angakhethi buso.
19 Kufuneka angabugqwethi ubulungisa, angabi nagobe xa esenza izigqibo, angazamkeli izicengo, kuba izipho ezihamba nezicengo zimfamekisa namehlo ezilumko, ngokunjalo namadoda anyanisekileyo atsho enze izigqibo ezingafanelekanga.
20 Maxa onke kufuneka kulawule ubulungisa bodwa phakathi kwenu, khon' ukuze niphile nilimé elo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo uThixo wenu.”