1 “Ungaze uNdikhoyo uThixo wakho umenzele idini ngenkomo okanye igusha enesiphako, kuba ilisikizi kuye into enjalo.
2 “Xa uthe weva ukuba kwenye yeedolophu zenu kukho indoda okanye umfazi owenza ububi ngokutyeshela umnqophiso kaNdikhoyo uThixo wakho,
3 akreqe akhonze *thixo bambi, okanye anqule ilanga, inyanga, noba ziinkwenkwezi – zinto ezo zinxamnye nomyalelo kaNdikhoyo –
4 ingxelo enjalo uzuyiphande ude ubufumane ubunyani bayo. Ukuba yinyani ukuba ububi obunjalo buhlile kwaSirayeli,