11 Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni.
12 Nabani na ongamthobeliyo umlamli okanye umbingeleli omisiweyo makabulawe, ukuze ngaloo ndlela buncothulwe ububi kwaSirayeli.
13 Wonke ubani uya kuthi akuyiva loo nto atsho oyike, kungabi sabakho bani ungomnye uphinda enze into enjalo.”
14 “Wakuba ungenile wada wazinza kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uya kuthi: ‘Nathi masibe nokumkani kwanjengezinye izizwe ezisingqongileyo.’
15 Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga.
16 Ke ukumkani lowo makangazifuneli mhlambi wamahashe ukomeleza umkhosi wakhe, angaze athumele abantu eJiputa ukuba baye kumthengela amahashe, kuba kaloku uNdikhoyo wayalela wathi: ‘AmaSirayeli makangaze abuyele eJiputa.’
17 Ukumkani makangabi nabafazi baninzi, kuba loo nto ingamenza akreqe kuNdikhoyo; kananjalo makangaziqwebeli butyebi basiliva nagolide.