15 Qinisekisa ke ukuba loo ndoda uyikhethela ukuba ibe ngukumkani yileyo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho. Umntu omawumkhethe ngumntwan' othuthu, ingabi yintlanga.
16 Ke ukumkani lowo makangazifuneli mhlambi wamahashe ukomeleza umkhosi wakhe, angaze athumele abantu eJiputa ukuba baye kumthengela amahashe, kuba kaloku uNdikhoyo wayalela wathi: ‘AmaSirayeli makangaze abuyele eJiputa.’
17 Ukumkani makangabi nabafazi baninzi, kuba loo nto ingamenza akreqe kuNdikhoyo; kananjalo makangaziqwebeli butyebi basiliva nagolide.
18 “Ukumkani lowo ke akungena esihlalweni sakhe makazenzele incwadi yomthetho ngokuthatha amazwi aleyo yamandulo igcinwe ngababingeleli bakwaLevi.
19 Le ncwadi ke aze angahlukani nayo. Kubo bonke ubomi bakhe makahlale eyifunda, khon' ukuze afunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wakhe, awathobele amazwi alo mthetho, ayenze imimiselo yawo.
20 Le nto ke iya kumnceda, khon' ukuze angazenzi bhetele kunamawabo, angayityesheli nakancinane imiyalelo kaNdikhoyo. Ngaloo ndlela ke uya kulawula iminyaka emininzi, ngokunjalo nenzala yakhe iya kulawula kwaSirayeli izizukulwana ngezizukulwana.”