2 “Xa uthe weva ukuba kwenye yeedolophu zenu kukho indoda okanye umfazi owenza ububi ngokutyeshela umnqophiso kaNdikhoyo uThixo wakho,
3 akreqe akhonze *thixo bambi, okanye anqule ilanga, inyanga, noba ziinkwenkwezi – zinto ezo zinxamnye nomyalelo kaNdikhoyo –
4 ingxelo enjalo uzuyiphande ude ubufumane ubunyani bayo. Ukuba yinyani ukuba ububi obunjalo buhlile kwaSirayeli,
5 loo mntu ubenzileyo uzumthathe umkhuphele ngaphandle kwedolophu, umxulube ngamatye ade afe.
6 Kambe ke angábulawa kuphela xa kukho abantu ababini nangaphezulu abanobu bungqina ngaye; kanti ke akanakubulawa ngobungqina bomntu omnye kuphela.
7 Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.
8 “Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho.