5 loo mntu ubenzileyo uzumthathe umkhuphele ngaphandle kwedolophu, umxulube ngamatye ade afe.
6 Kambe ke angábulawa kuphela xa kukho abantu ababini nangaphezulu abanobu bungqina ngaye; kanti ke akanakubulawa ngobungqina bomntu omnye kuphela.
7 Kananjalo abantu abaya kuphosa amatye okuqala ngamangqina lawo, aze ke alandelwe ngabo bonke abanye abantu. Ngaloo ndlela ke woba ubuncothule ububi phakathi kwenu.
8 “Xa abalamli besoyiswa ngamatyala athile, nokuba ngawokwenzakalisa, ngaweembambano, okanye awokuhlasela, makaziswe kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo uThixo wakho.
9 Umcimbi lowo uzuwubhekise kubabingeleli babaLevi ngokunjalo nomlamli osesikhundleni ngelo thuba, bawuphicothe bawugwebe umcimbi.
10 Bakuba bezivakalisile ke izimvo zabo uzuhambe ngazo, ungaphambuki nakancinane kuzo.
11 Uzusamkele ke isigwebo sabo, uhambe ngokwemiqathango abakunike yona, ungaphumi ecaleni.