1 “Indlu kaLevi yona ngababingeleli; ayiyi kuzuza sabelo nalifa njengamanye amaSirayeli, ndaweni yaloo nto ilifa layo ngamadini atshiswayo anikelwa *kuNdikhoyo.
2 AbaLevi abazukunikwa sabelo njengezinye izindlu; kaloku esabo isabelo nelifa bubudlelwane noNdikhoyo ngokwesithembiso sakhe.
3 “Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.
4 Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo.
5 KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.
6 “Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo,
7 abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona.