14 “Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto.
15 Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.
16 “Kaloku mhla nanihlangene kwintaba iHorebhe nandibongoza nisithi: ‘Asisakulangazeleli ukuba uNdikhoyo uThixo wethu athethe nathi yena siqu, asisathandi ukubona umlilo odiza ubukho bakhe, kuba soyika ukuthi mhlawumbi sife.’
17 Waza wathi kum uNdikhoyo: ‘Sihle isicelo sabo.
18 Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam.
19 Uya kuthetha egameni lam; ke mna ndiya kumohlwaya nabani na ongawathobeliyo amazwi am.
20 Ke yena umshumayeli ongomnye, ozigwagwisa ngokuthi uthetha egameni lam ndingamthumanga, wobulawa. Koba kwangokunjalo nakoshumayela egameni *loothixo abangabambi.’