18 Ndiya kubanika umshumayeli ophuma kwakubo, afane nawe lo. Ke yena amazwi am aya kuphuma ngomlomo wakhe, aze abaxelele yonke imimiselo yam.
19 Uya kuthetha egameni lam; ke mna ndiya kumohlwaya nabani na ongawathobeliyo amazwi am.
20 Ke yena umshumayeli ongomnye, ozigwagwisa ngokuthi uthetha egameni lam ndingamthumanga, wobulawa. Koba kwangokunjalo nakoshumayela egameni *loothixo abangabambi.’
21 “Mhlawumbi ningaxakwa, nithi: ‘Soluqonda njani na udaba ukuba alululo olukaNdikhoyo?’
22 Ukuba umshumayeli uthetha egameni likaNdikhoyo ize ingenzeki loo nto ayithethileyo, nomqonda ukuba udaba lwakhe aluphumi kuNdikhoyo, koko uyazithethela nje; ngoko ke sanukuziduba ngaye.”