3 “Nanini na kusenziwa idini ngenkomo noba yigusha, ababingeleli inxaxheba yabo ngumkhono, intloko, nolusu.
4 Ulibo lwengqolowa, nolwewayini, nolwamafutha omnquma, noloboya, yoba yinxaxheba yabo.
5 KumaSirayeli ephela uNdikhoyo uThixo wakho wanyula uLevi nendlu yakhe ukuba abuse kwezobubingeleli nanini nanini.
6 “Nawuphi na umLevi, noba uhlala phi na apho kwaSirayeli, ukuba uyafuna, angaya kulaa ndawo yalathwe nguNdikhoyo,
7 abuse uNdikhoyo uThixo wakhe njengabo bonke abaLevi abasebenza khona.
8 Naye ke makafumane inxaxheba ekwangangaleyo izuzwa ngabanye ababingeleli, nangona anenzuzo ayifumene ngokuthengiswa kwempahla yakowabo.”
9 “Wakufika ke kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uze ungawalinganisi amasiko amanyumnyezi alandelwa zizizwe zakhona.