9 “Wakufika ke kwelo lizwe uliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, uze ungawalinganisi amasiko amanyumnyezi alandelwa zizizwe zakhona.
10 Ungaze uthathe unyana wakho okanye intombi yakho wenze ngaye idini elitshiswayo; abantu bakuni mabangaze bavumise, okanye bambulule, mhlawumbi bachile,
11 okanye bakhafule, bangayisebenzisi nemilingo, okanye baqhakamshelane nabangasekhoyo.
12 Kaloku abantu abenza iintlondi ezinje banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho. Ziintlondi ezilolu hlobo ezabangela ukuba azigxothe iintlanga zelaa lizwe ekungeneni kwenu.
13 Hlala umsulwa phambi koNdikhoyo uThixo wakho.”
14 “Kwelo lizwe uya kulo abantu obagxotha khona bayavumisa bambulule, kodwa ke wena *uNdikhoyo uThixo wakho akafuni uyenze loo nto.
15 Ndaweni yaloo nto uNdikhoyo uThixo wakho uya kuvelisa *umshumayeli ofana nam lo, ophuma kwakumawenu. Uzuncede ke umthobele.