1 “Akuba ke *uNdikhoyo uThixo wakho ezitshabalalisile ezo zizwe zimhlaba wazo awupha wena, naza nazigxotha nema kwiidolophu zazo ngokunjalo nemizi yazo,
2-3 lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka.
4 Inkqubo iya kuhamba ngolu hlobo: Umntu obulele omnye ngengozi, engelotshaba lwakhe, wobalekela kwenye yazo ukuze asinde.
5 Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa.