18 Abagwebi mabenze uphando olunzulu, baze bathi xa befumanisa ukuba ummangali lo umdyoba nje uwabo lo,
19 bohlwaye ummangali lowo ngesohlwayo ebelindele ukuba siya kunikwa ummangalelwa lowo. Ngale ndlela ke wobutshayela ububi buphele phakathi kwenu.
20 Baya kuthi ke abanye abantu bakuyiva le nto yenzekileyo batsho boyike, kungabi sabakho mntu uphinda ayenze into enjalo.
21 Ewe, uzungabi natarhu mpela; isohlwayo sibe bubomi ngobomi, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, nonyawo ngonyawo.”