2-3 lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka.
4 Inkqubo iya kuhamba ngolu hlobo: Umntu obulele omnye ngengozi, engelotshaba lwakhe, wobalekela kwenye yazo ukuze asinde.
5 Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa.
6 Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!
7 Kungenxa yeso sizathu ke le nto ndikuyalela ukuba umise iidolophu zibe ntathu.
8 “Xa uNdikhoyo uThixo wakho ethe walandisa elo lizwe lakho, wakongezela wonke umhlaba awuthembise ookhokho bakho efunga,
9 kofuneka uphinde ukhethe nezinye iidolophu zibe ntathu. Uzukwenze ke konke endikuyaleleyo namhlanje, ubonakalise ukumthanda uNdikhoyo uThixo wakho, uhlale uziphatha ngokweemfundiso zakhe.