17 uNdikhoyo wathi kum:
18 ‘Namhlanje ke niza kucanda kumhlaba waseMowabhi ngaseAra.
19 Xa nilapho ke noba kufuphi kumhlaba wama-Amon, inzala kaLothe. Ze ningawabandezi okanye niwaqale; kaloku andiyi kuninika nento le kumhlaba endawunika wona.’
20 “Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum.
21 Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon.
22 UNdikhoyo wenza kwaloo nto kumaEdom, inzala kaEsawu leyo imi kweleentaba eSeyire. Wawatshabalalisa amaHori, khon' ukuze amaEdom eme kuloo mhlaba wawo. Asekuwo ke unanamhla.
23 Ke amaKrete, awayevela kwisiqithi saseKrete, awatshabalalisa ama-Avi, awayemi ntlandlolo kwiidolophu zonke ukuya kuthi xhaxhe eGaza, aza ema khona.