20 “Lo mmandla ke ukwaziwa ngokuba ngumhlaba wamaRafa, gama elo lilelabantu ababemi khona ngaphambili, ke wona ama-Amon ayesithi ngamaZamzum.
21 Nabo babeziingxilimbela njengama-Anaki. Babeluhlanga olomeleleyo, bebaninzi ngamanani. Phofu ke uNdikhoyo wabatshabalalisa, khon' ukuze umhlaba wabo umiwe ngama-Amon.
22 UNdikhoyo wenza kwaloo nto kumaEdom, inzala kaEsawu leyo imi kweleentaba eSeyire. Wawatshabalalisa amaHori, khon' ukuze amaEdom eme kuloo mhlaba wawo. Asekuwo ke unanamhla.
23 Ke amaKrete, awayevela kwisiqithi saseKrete, awatshabalalisa ama-Avi, awayemi ntlandlolo kwiidolophu zonke ukuya kuthi xhaxhe eGaza, aza ema khona.
24 “Sakuba ke sigqithile eMowabhi, uNdikhoyo wathi: ‘Ke ngoku sukani niwele umlambo iAnoni. USihon ukumkani wama-Amori oseHeshbhon sendimnikele esandleni senu, ngokunjalo nomhlaba wakhe. Mhlaseleni, niye niwuhluthe umhlaba wakhe.
25 Ukusukela namhlanje bonke abantu belimiweyo ndiza kubenza banoyike, barhwaqeliswe yingxelo yoko nikwenzileyo.’ ”
26 “Ngoko ke ndathumela kukumkani uSihon waseHeshbhon xa thina sasikwintlango yeKedemoti, ndizama uxolo, ndisithi: