8 “Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’
9 Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.
10 “Xa uya kuhlasela isixeko, abemi baso qala ubaphe ithuba lokuzinikezela.
11 Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele.
12 Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko.
13 Akuba ekuvulele ke uNdikhoyo uThixo wakho ukuba uhlasele, tshabalalisa yonke into eyindoda apho.
14 Kambe ke ungabathimba abafazi, nabantwana, nemfuyo, nako konke okulapho kweso sixeko. Ungayisebenzisa yonke into elixhoba oyithimbe kolo tshaba lwakho; uNdikhoyo uThixo wakho ukuphile.