12 uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho,
13 ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho.
14 Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”
15 “Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane,
16 ngoku ke xa le ndoda ifuna ukubabela ilifa layo, mayingabi nagobe ngokubhekiselele kulo nyana womfazi oyintandane, imnike inxaxheba yonyana wamazibulo.
17 Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”
18 “Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe,