8 Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’
9 Xa wenze ngokwalo mmiselo kaNdikhoyo ke, uya kuba uzihlambile kwityala lobugebenga.”
10 “Xa uNdikhoyo ekunike uloyiso emfazweni, waza wanabantu obathimbayo,
11 kungenzeka apho kwâbo bantu wena ubone inzwakazi, uze unqwenele ukuyithatha. Yithathe,
12 uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho,
13 ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho.
14 Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”